bentolongo ukuba bandivulele ndiye kufumana isidlo sakusasa. Emva kokutya kwabakho umdlalo webhola phakathi kweqela leUnder-23 IeMoroka Swallows namabanjwa. Ndathi ndisabukele loo mdlalo ndabona kukho umntu oza kum, ndathi ndakumqwalasela ndabona ukuba yintombi endincuma nayo. Ndavuya gqitha ndakusibona isithandwa sam kuba kwakukudala ndisigqibele. Sona sasiqala ukundibona ndicula kwiqela lomculo weGospile. Sacula iingoma ezintathu emva kwaloo mdlalo yaye ndandisibona sincumile. Sasibonakala ukuba sonwabile kukundibona. Emva kokucula kwethu seza kum sandanga, emva koko ndazibona zizehlela iinyembezi.

lrvin
Ngomhla woku-1 kuAprili umama weza wazokusayina amaphepha andinika imvume yokuba ndiye kuchitha impela-veki yepasika nosapho Iwasekhaya. Ndavuya gqitha ndakumbona endilindele. Oko kwandibonisa ukuba uyandifuna ekhaya. Umama wasayina loo maphepha saza sakhwela iteksi. Endleleni ndandijonga yonk into esasigqitha kuyo. Ndabona
zitshintshile iindawo ezininzi. Ndabona iziko elitsha leevenkile yaye nemali yokukhwela iteksi yayisele inyukile kwendandiyazi. Ndafika nasekhaya izinto zingafani naxa ndandingekavalelwa.
Umama wandiphekela ukutya okumnandi. Abantwana basekhaya babonwabile kukuhlala nam sisitya isidlo sangokuhlwa. Ubusuku bokuqala endabulala ekhaya kwaba ngathi ndilusana olusandul ukuzalwa. Entolongweni sitshixelwa ngentsimbi yesithathu emva kwemini, ngoko kwakukudala ndagqibela ukuhamba-hamba de kubethe intsimbi yesihlanu malanga. Ndafumana nethuba lokukhe ndibethwe ngumoya ndiphulaphule nomculo. Ndaba ngathi ndikhululwe unomphelo ukuze ebendikuceba entolongweni kuphumelele ndakukhululwa.
lbanjwa
Kubi ukuvalelwa entolongweni, kodwa iba ngumzimba wakho kuphela ovalelweyo, ingqondo yakho isoloko ingaphandle.
Eyona mini yaba mnandi kum entolongweni kuxa kwakuvulwa isikolo sasentolongweni. Kwafika iititshala ezintsha! Kwaba mnandi gqitha kwiklasi endandikuyo kuba ngaphambili sasifundiswa ngamabanjwa.
Ndazixelela ukuba ndiza kuzinikela emsebenzini wam
wesikolo, kwaye ndaziphumelela emagqabini zonke izifundo zam. Ndandingahlali ndedwa esiseieni endivalelwe kuso kuba wonk umntu wayefuna ukundibona. lziphumo zam zabhengezwa kwindawo esityela kuyo. Ndaphiwa ikeyiki enkulu, iiswiti, amashwamshwam nemargarini.
Andries
Nangona bungemnandanga ubomi balapha entolongweni andisokuze ndiyilibale imini yeentsapho ebingoJuni. Ndatsalela umnxeba abahlobo nezalamane zam ukuze zize zizondibona. Kwafika abantu abangamashumi amabini. Kwakungathi kukho itheko. Kwaba mnandi ukuhlala nabo ngaloo mini yaye loo mini andisokuze ndiyilibale ngoku ndiselapha entolongweni. Bathi bakuhamba ndashiyeka ndiqonda ukuba nam bakhona abantu abandithandayo. lndlela endandonwabe ngayo ngaloo mini ndaphupha kamnandi naxa sele ndilele.
Ben
Ngomhla wo-9 kuMatshi ka-1998 wazaliseka umnqweno wam. Ndafumana umhlobo wam ekwakukudala ndimfuna. Umhlobo oza kuba nam phantsi kwazo naziphi na iinzingo. Umhlobo ongasayi kundishiya nokuba
Baziguqule izimilo zabo
Ndizixelele ukuba andinakuphinde ndibe nto tu, nokuba incinane kangakanani. xa ingasiyiyo eyam, kufuneka ndamkele ukuba asiyoyam. Ndizixelele nokuba andinakuphinde nditshaye. Esinye isithembiso sesokuba andizukuvumelo ingqondo yam ukuba icinge izinto ezimbi. Ndisoloko ndithundazela ukuba ndingazophuli izithenibiso zam.
SIPHIWE

Nali iholi le-R150 endayibuyisela kumnini wayo eMedium B. Uyazi ndazibona ndiliqhawe imini enye. Eneneni ukuba loo mali yayicholwe ngomnye umntu wayeza kuthula nayo, angayibuyiseli kumnini wayo. amanye amabanjwa ayesithi ndisisibhanxo. Ndandizixelela ukuba ndenze into elungileyo. Enye into ndathi ndakucinga ngayo ndaqonda ukubaaebuncinaneni ndinepakethe yeswekile eyi-2,5kg endayithenga nge-R10 endayiphiwa ngumini woloo mali, uBrian. UBrian nam saba ngabahlabo yaye ungumfo olungileyo. Ndiyamfowunela nangoku kuba yena wakhululwa ebutsheni bonyaka ophelileyo.
IBANJWA
Kukho ipolisa esivalelwe nalo apha entolongweni elandimangalisayo ngeny imini ngokuba lize esiseleni endivalelwe kuso. Lafika landibuza ukuba Ungubani igama Iakho mhlekazi?

48 BONA XHOSA -February 2000
Ndinguvusi
Uyazi ukuba kukho amabanjwa apha aziphethe njengawe, latsho.
Ndaqala ndabhideka ukuba lithetha ngantoni, ndaza ndalibuza ndathi. UxoIo mhle, kukuziphatha njani oku uthetha ngako
Laphendula lathi, 11Qho xa ndingena kwisisele ahlala kuso ndisoloko ndifika ufunda yaye intle loo nto. Latsho njalo emva koko Iundixhawula.
Ndalibulela ngokundikhuthazo kwalo kuba lalindenze ndonwaba ngaloo mini.
vusi
Ndandineminyako eli-17 yaye ndandingcangcazela luloyiko xa ndandingena enkundleni. Ndandingakwazi nokuzithethelela. Umtshutshisi wandixelela ukuba into endiyenzileyo ayamkelekanga eluntwini, kwabe oko kwakuyinyaniso, kodwa andizange ndiyithande loo nto. Kuye ndandibonakala njengesaphuli-mthetho sokwenene. Ndandikuthanda ukuhamba ndiphethe imipu eyayisetyenziswa ekuhlaseleni obantu nakwizenzo zophango. Ndalila iinyembezi kuba ndandiqonda ukuba akandazi kakuhle. Ndandiphelelwe ngamandla ndingazi nokuba mandithini xa ndandivalelwe entolongweni. Ndandingafuni nokucinga oku yaye ndingafuni nokuva okanye ukwazi okucingwa ngabantu ngam.
Emva kweenyanga ezili- 15 ndivalelwe entolongweni, ndagqiba ekubeni ndingavumeli ukuba libanjwa kundilawule. Ndiyazi ukuba ndikhule ndingesiso isaphuli.mthetho yaye andizukuvumela intolongo indijike ndibe sisikrelemnqa. `Michoel awusiso isuphuli-mthelho.
MICHAEL
kuyatsha apho sikhona kuba undigcina ndicinga yaye ndicula ngobomi bam.
Kwakusemva kwemini ngoLwesithathu, ilanga Ubalele lizole nasebukhweni bezinja. lintaka zazintyiloza, ingca iluhlaza ceke kubetha impepho emnandi yasemva kwemini.
Ukususela ndisengumntwana ndandinqwenela ukufumana umhlobo oza kundivuselela xa ndiziva ndidangele. Apha entolongweni andizange ndicinge ukuba Ioo mhlobo ndingamfumana khona kuba ndiyazi ukuba banqabile abahlobo kwindawo enje. Nkqu ndingekavalelwa ndazama ndancama ukumfumana. Ngoku ndide ndamfumana, ngoko umnqweno wam uzalisekile yaye ndenze isithembiso sokuba ndiza kumgcina ekhuselekile.
Musi

Kwakungomhla wama-25 kuSeptemba yaye kwakungoLwesibini xa sasifika eBaviaanspoort. Safika kwikholeji elapho kuzele abalindi beentolongo namapolisa. Ayethe saa kuyo yonk indawo ezama ukuqinisekisa ukuba elo theko liqhubeka kakuhle. Kwathiwa masingene ndaza ndabona imimangaliso. Ndabona iiglasi enininzi ezazinamaqhosha kwicala elisekunene, kwaba ngathi ndingene kwistudiyo seSABC.
Kwathiwa mandizise ixilongo lam nezinye izinto eziyintsimbi ukuze zihlolwe. Ndamangaliswa kukuba ndisetshwe ngumatshini. Sathi xa singena ndabona iintatheli ezininzi ziphethe iikhamera kukho neendwalutho ezininzi. Ndazibuza ukuba Sizokwenza ntoni apha kuba besixelelwe ukuba size kucula nje? Kodwa asizange sixelelwe ukuba yayilitheko lantoni. Ndamangaliswa kukubona abantu abaninzi befake izinto ezingathi ziiearphone. Umlindi wathi, Madoda ndicela nidlale uNkosi Sikelel iAfrika kuba iindwendwe zethu sele zifikile. Ndabona iimoto ezintathu zifika ngesantya esikhulu kwaba kukho nomnyobo wemoto yohlobo lwaseJamani. Kwavuleka ucango kwaza kwaphuma uMongameli Nelson Mandela. Wayenxibe i-Madiba Shirt esilvere. Wathi emva kokwenza intetho yakhe weza kuthi wasixhawula.
Tshepo
Kwakungomhla wekrismesi ngo-1998. Oko ndavalelwa entolongweni loo mini ndiya kuhlala ndiyikhumbula. Ndiya kuhlala ndiyikhumbula le mini ngenxa yezinto ezenzeka ngayo. Waw,ungeke utsho ukuba kusentotongweni. Nkqu nabalindi bentolongo babengasiphathanga ngendlela abaqhele ukusiphatha ngayo. Le mini yayimnandi kuba yandenza ndaqonda ukuba isekho indawo yam ngaphandle kwentolongo. Umphathi wentolongo wasifumanela izidlali-mculo ukuze ibanjwa ngalinye liyonwabele le mini. Sasijuxuza sisela neziselo ezibandayo esasiziphiwa ngabantu bangaphandle. Ndabukela neevidiyo esasiziqeshelwe ngabaphathi bentolongo. Ndadibana nabantu abohlukeneyo abancinane nabadala, yaye kwakumnandi ukuhlala nabo kuba basesinceda.
Michael
ungumntu ongafaniyo
kumenza akwazi
Yintoni ikhulisi Project?
Iphulo leKhulisa elayilwa laphuculwa nguLesley Ann
Tintinger (okwangumlungelelanisi wencwadi ethi Cries
Without Tears) Ielokuzama ukulungisa izimilo zezciphulimthetho eziselula zaseMzantsi Afrika.
Eli phulo lisebenzisa ukubaliswa kweentsomi, ubugcisa nemisebenzi yezandla eyenza abantu bazithembe yaye babe nesimilo esifanelekileyo.
Ngezi zinlo ikhulisa yenza uluntu Iukwazi ukuhlala ndawonye nokusebenzisana phantsi kweemeko ezahlukeneyo.
lphulo leKhulisa Ienza
umntu ngamnye azazi ukuba



ukuziqwalasela, nto leyo imenza akwazi ukuzonwabisa ngendlela eya kumnika amandla okuyila izinto.
Imisebenzi eyahlukeneyo eyenziwayo yenza abantu baphile ubomi obufanelekileyo yaye bakonwabele ukuphila kwabo. Kukho namacebo asetyenziswayo okwenza abantu bafunde ukusombulula iimbombono ngokuthetha, ukuyila, ukuqondana, ukwamkelana nangokwenzo izinto ezibonakaloyo.
lncwadi eihi Cries Without  tears yingqokelela yemibhalo ebonisa imisebenzi yeli phulo. Le ncwadi iquka izinto ezitshiwo ngamabanjwa ohlukeneyo. lthetha ngezimvo zokuba libanjwa, iinkumbulo zobomi bangaphandle, iinkxalabo, abahlobo, iingcinga, imibono ngoMzantsi Afrika, amazwi okuxolisa nemibongo. Ilandelwa yingqwalasela yolwaphulo-mthetho lulonke ibethelela imiyilezo evela kwizinto ezikuyo. 

lncwadi ethi Cries Without Tears, elungelelaniswe nguNJing. Charl Cilliers noLesley Ann Tintinger, ishicilelwe ngabakwaCorrective Action Holdings. lxabisa i-R88 sele ifikiwe IVAT.
nomnye umntu. Oko
BONA XHOSA - February 2000 49
A   WU NGUMMANGALISO LO! Abamelwane bakwaNyawose nosapho
IwakwaNqondo eMlazi ngaseThekwini basamangaliswa besoyika kukubona esi simanga kwimbali yale lokishi.
lintwazana eziseula kolu sapho uNokulunga Nyawose (ominyaka ili-9) noNonhle Ngqondo (ominyaka ili15) bazibhaqa sebengungelwe ngabantu, iindwendwe zithontelana komawabo ukubona ezi ntwazana zikhala okanye zikhupha imali ezinkozo nengamaphepha.
amaqhosha eehempe, iintsimbi zomqala kwaneenkcakuba.
UNokulunga Nyawose kuthiwa ukuthatha ngamehlo okubonayo xa ejonge egumbini. Nantoni na ayijongileyo ijika iphume emehlweni akhe.
Umakhulu wakhe uye wamalela uNokulunga ukungena kwisirhoxo sakhe.
Xa uNokulunga ejonga imali yam isuka ithi shwaka. Ethubeni ithi gqi emehlweni akhe.
Umakazi wakhe uMakhosazana ukhe wakrokra akuxelelwa
Iinyembezi
eziyima1i
Okungaqhelekanga kuphuma emizimbeni yamantombazana amabini kwllokishi yaseThekwini -nobomi bawo bungasengozini


kubalisa uLINDA MANYONI noMANDLA ZULU
kufote uMANDLA ZULU


50 BONA XHOSA - February 2000
nguNokulunga ukuba kuphuma izinto emehlweni akhe.
Kuqala ndathi makangandibhudeli, ngomzuzwana nje ndabona ngawam amehlo ingqekembe ye-R5 iphuma kunokuba alile.
UMakhosazana ngumshumayeli kwibandla iChrist Assembly of God Church, akazange akwazi ukufihla umothuko nokoyika xa uNokulunga wakhala engayeki. Kuyabonakala ukuba izinto azilungi kuba uNokulunga waqalisa ngokukhalaza esithi kubuhlungu esidleleni sakhe.
Okulandelayo kwaphuma inkcakuba epheleleyo, ukhumbula oko uNomakhosazana enikin intloko.
Okuphazamise abantu abaninzi emva kokuba uNokulunga ekhuphe okuthile, kukungaphumi negazi efi emehlweni akhe kwaye ubukeke engeva ntlungu.
Usapho lwakwaNqondo eR-Section eMlazi nalo belukwimeko efana nale. UmsakwaboNonhle uNozipho le meko uyifanisa iphelekwa zizinto ezingahambisani nobukrestu.
UNozipho uthe:. Singamarhamente eUnited Congregational Church. sikholelwa kuThixo.
UNonhle ukhe waxambulisana noontanga bakhe ngenxa yokholo lwakhe kuThixo. Babefuna ahlukane nobuKrestu athelele kwimikhwa yabo yokuyabula ezitratweni kumatheko asezinzulwini zobusuku nokuziphatha kakubi.
UNonhle uthe akuqalisa ukukhuph& izinto ezininzi abazikhathaza kowaba kuba iileta kwaneengqekembe zemali zazinemiyalelo ephikisana nobukrestu.
UNozipho uthi oku kuqalise xa uNonhle wakhalaza esithi kuqaqamba isifuba. Ethubeni uye wagabha.
Ezinye izinto awayezigabha uNontle kwakuziileta ezazisithi makakhethe phakathi kobomi nokufa.
UNozipho uthi amanye amazwi awayebhalwe kule Ieta athi: Ukuba ukhetha ubomi kufuneka uyeke ukuya ecaweni uqalise ukusebenza
nomtyholi .
Ezinye iileta zimsongela uNonhle ngokuba xa eqhubeka esiya ecaweni uza kufa, utsho uNozipho.
NguNozipho owayethetha kakhulu kuba uNonhle okwiBanga lesi-7 ofunda eZimisele Combined School uneentloni xa kufuneka achaze okuqhubekayo.
Ekuphela kwento uNonhle angayichaza kukuthi: Ndiqaqanjelwa sisifuba ndize emva koko ndigabhe imali nezinye izinto.
Ndiyakhathazeka kuba abantu bayathontelana bendibuka bebuza ukuba ndiziva njani 
Utata kaNonhle Daniel ngumfundisi ekwazibalula eligqirha. Kuthe xa umntwana wakhe eqalisa ukugabha, wakhetha ukuya naye kwikomkhulu lecawa yakhe eMzimkhulu eMpuma Koloni ukuze anyangwe, ekubeka ecaleni okuxhalabisa uluntu lusithi makaye egqirheni.
Kokubini abakwaNyawose nabakwaNqondo banenkolo yokuba yimimoya emibi ebakhathazayo -kodwa bathi sokuze baye
BONA XHOSA - February 2000
51
